Imizekeliso 14:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ilifa leziyatha kukumatha;Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.

19. Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo;Abangendawo bema emasangweni amalungisa.

20. Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo;Ke bona abathanda isityebi baninzi.

21. Omdelayo ummelwane wakhe uyona;Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!

22. Àbayi kulahleka yini na abayila ububi?Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.

23. Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo;Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.

24. Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo;Ukumatha kwezinyabi kukumatha.

25. Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo;Ke elifutha amanga liyinkohliso.

26. Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele,Abantwana bakhe baba nendawo yokuzímela.

Imizekeliso 14