13. Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa;Nokuphela kwalo uvuyo sisingqala.
14. Uhlútha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo;Umntu olungileyo uhlútha zizenzo zakhe ngokwakhe.
15. Isiyatha sikholwa ngamazwi onke;Onobuqili uyakuqónda ukunyathela kwakhe.
16. Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi;Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile.
17. Ozekanekayo wenza ukumatha;Indoda yamayelenqe ithiyekile.
18. Ilifa leziyatha kukumatha;Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.
19. Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo;Abangendawo bema emasangweni amalungisa.
20. Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo;Ke bona abathanda isityebi baninzi.
21. Omdelayo ummelwane wakhe uyona;Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!
22. Àbayi kulahleka yini na abayila ububi?Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.
23. Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo;Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.
24. Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo;Ukumatha kwezinyabi kukumatha.
25. Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo;Ke elifutha amanga liyinkohliso.
26. Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele,Abantwana bakhe baba nendawo yokuzímela.