5. Iingcinga zamalungisa zisesikweni;Amacebo abangendawo yinkohliso.
6. Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi;Umlomo wabathe tye uyabahlangula.
7. Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho;Indlu yamalungisa iyema.
8. Indoda idunyiswa ngokwengqiqo yayo,Entliziyo igwenxa iba ngodelekileyo.