Imizekeliso 12:26-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ilungisa lingumkhokeli kuwalo;Indlela yabangendawo iyabandwendwisa.

27. Odangeleyo akayibhulisi inyamakazi yakhe;Ke ubuncwane obunqabileyo bomntu kukukhuthala.

28. Busemendweni wobulungisa ubomi;Ukuyinyathela indlela yabo kukungafi.

Imizekeliso 12