6. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula;Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.
7. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe;Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.
8. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni,Kufike ongendawo esikhundleni salo.
9. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo;Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.
10. Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa;Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.
11. Ngentsikelelo yabathe tye sĂyaphakanyiswa isixeko;Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.
12. Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo;Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.
13. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.
14. Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu;Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.