Imizekeliso 11:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula;Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.

7. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe;Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.

8. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni,Kufike ongendawo esikhundleni salo.

9. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo;Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.

10. Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa;Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.

11. Ngentsikelelo yabathe tye sĂ­yaphakanyiswa isixeko;Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.

12. Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo;Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.

13. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.

14. Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu;Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.

Imizekeliso 11