5. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe;Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.
6. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula;Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.
7. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe;Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.
8. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni,Kufike ongendawo esikhundleni salo.
9. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo;Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.
10. Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa;Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.
11. Ngentsikelelo yabathe tye sĂyaphakanyiswa isixeko;Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.
12. Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo;Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.
13. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.
14. Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu;Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.
15. Kubi kakhulu komele omnye;Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.
16. Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko;Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.
17. Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba;Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.