Imizekeliso 11:26-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu;Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.

27. Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo;Ongxamele ububi, buya kumfikela.

28. Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena;Ke amalungisa aya kuhluma njengamagqabi.

29. Ogxugxisa indlu yakhe uya kudla ilifa elingumoya;Isimathane soba ngumkhonzi kontliziyo ilumkileyo.

Imizekeliso 11