13. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.
14. Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu;Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.
15. Kubi kakhulu komele omnye;Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.
16. Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko;Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.
17. Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba;Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.
18. Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso;Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.
19. Ubulungisa obububo busingisa ebomini;Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.
20. Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo;Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.
21. Ukakade onobubi akabi msulwa;Ke yona imbewu yamalungisa iyasÃnda.
22. Likhonkco legolide ethatheni lehaguInzwakazi eswele izimvo.
23. Umnqweno wamalungisa yinto elungileyo yodwa;Ithemba labangendawo kukuphuphuma nje komsindo.
24. Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda;Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.
25. Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa;Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.
26. Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu;Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.
27. Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo;Ongxamele ububi, buya kumfikela.