1. Isikali* esikhohlisayo singamasikizi kuYehova;Ilitye* elizeleyo lilikholo kuye.
2. Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa;Bunabathozamileyo ubulumko.
3. Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha;Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa.
4. Àbunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo;Ubulungisa buyahlangula ekufeni.
5. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe;Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.
6. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula;Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.
7. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe;Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.
8. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni,Kufike ongendawo esikhundleni salo.
9. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo;Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.
10. Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa;Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.