Imizekeliso 10:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni,Linjalo ivila kwabalithumayo.

27. Ukoyika uYehova kongeza imihla;Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.

28. Ukulinda kwamalungisa luvuyo;Ithemba labangendawo liyadaka.

29. Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova;Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.

30. Ilungisa alishukunyiswa naphakade;Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.

31. Umlomo welungisa umila ubulumko;Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.

Imizekeliso 10