22. Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo,Imbulaleko àyongezi nento kuyo.
23. Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge;Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo.
24. Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo;Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa.
25. Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo;Ke lona ilungisa luseko lwaphakade.
26. Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni,Linjalo ivila kwabalithumayo.
27. Ukoyika uYehova kongeza imihla;Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.
28. Ukulinda kwamalungisa luvuyo;Ithemba labangendawo liyadaka.
29. Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova;Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.
30. Ilungisa alishukunyiswa naphakade;Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.
31. Umlomo welungisa umila ubulumko;Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.
32. Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo;Umlomo wabangendawo uyimpenduka.