1. Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina.
2. Ubuncwane bokungendawo abunyusi;Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni.
3. UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa;Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza.
4. Úba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo;Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa.
5. Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo;Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo.
6. Ziintsikelelo entlokweni yelungisa;Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
7. Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo;Igama labangendawo liba livithi.
8. Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho;Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.