Imizekeliso 1:9-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho,Nezambalo emqaleni wakho.

10. Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda,Uze ungavumi ke.

11. Ukuba bathe, Hamba nathi,Masilalele igazi,Masibalalele abamsulwa bengenatyala;

12. Masibaginye njengelabafileyo behleli,Begqibelele, njengabehla baye emhadini;

13. Sofumana ubuncwane obunqabileyo,Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba;

14. Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho,Yoba nye ingxowa yethu sonke:

15. Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo;Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.

16. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi,Zikhawulezela ukuphalaza igazi;

17. Kuba úfumana usanekwa umnathaEmehlweni eentaka ezi zonke;

18. Ke bona balalela elabo igazi,Bazonda owabo umphefumlo.

19. Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi;Imka nomphefumlo womniniyo.

20. Ubulumko bumemeza ngaphandle,Buvakalisa izwi labo ezitratweni.

21. Bumemeza emantloko eendawo zembutho;Ekungeneni kwamasango,Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:

22. Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha,Abagxeki befuna ukugxeka,Izinyabi zithiya ukwazi?

23. Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam,Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam,Ndonazisa amazwi am.

Imizekeliso 1