Imizekeliso 1:28-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli,Bandifune kwakusasa, bangàndifumani;

29. Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi,Àbakunyula ukoyika uYehova;

30. Àbalivuma icebo lam,Basigiba sonke isohlwayo sam:

31. Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo,Bahluthe ngamacebo abo.

Imizekeliso 1