Imizekeliso 1:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ngokokuba ndinibizile, anavuma,Ndolulé isandla sam, akwabakho ukhathalayo;

25. Nesuka naliyeka necebo lam lonke,Anavuma ndakunohlwaya.

26. Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu;Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;

27. Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga,Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi,Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.

28. Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli,Bandifune kwakusasa, bangàndifumani;

29. Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi,Àbakunyula ukoyika uYehova;

30. Àbalivuma icebo lam,Basigiba sonke isohlwayo sam:

31. Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo,Bahluthe ngamacebo abo.

32. Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazibulala,Nobunqobo bezinyabi buyazitshabalalisa.

33. Ke yena ondivayo uhleli ekholosile,Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi.

Imizekeliso 1