Imizekeliso 1:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi,Zikhawulezela ukuphalaza igazi;

17. Kuba úfumana usanekwa umnathaEmehlweni eentaka ezi zonke;

18. Ke bona balalela elabo igazi,Bazonda owabo umphefumlo.

19. Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi;Imka nomphefumlo womniniyo.

20. Ubulumko bumemeza ngaphandle,Buvakalisa izwi labo ezitratweni.

21. Bumemeza emantloko eendawo zembutho;Ekungeneni kwamasango,Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:

22. Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha,Abagxeki befuna ukugxeka,Izinyabi zithiya ukwazi?

Imizekeliso 1