Imizekeliso 1:14-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho,Yoba nye ingxowa yethu sonke:

15. Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo;Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.

16. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi,Zikhawulezela ukuphalaza igazi;

17. Kuba úfumana usanekwa umnathaEmehlweni eentaka ezi zonke;

18. Ke bona balalela elabo igazi,Bazonda owabo umphefumlo.

19. Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi;Imka nomphefumlo womniniyo.

20. Ubulumko bumemeza ngaphandle,Buvakalisa izwi labo ezitratweni.

21. Bumemeza emantloko eendawo zembutho;Ekungeneni kwamasango,Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi:

22. Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha,Abagxeki befuna ukugxeka,Izinyabi zithiya ukwazi?

23. Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam,Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam,Ndonazisa amazwi am.

24. Ngokokuba ndinibizile, anavuma,Ndolulé isandla sam, akwabakho ukhathalayo;

25. Nesuka naliyeka necebo lam lonke,Anavuma ndakunohlwaya.

26. Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu;Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu;

27. Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga,Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi,Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko.

28. Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli,Bandifune kwakusasa, bangàndifumani;

29. Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi,Àbakunyula ukoyika uYehova;

30. Àbalivuma icebo lam,Basigiba sonke isohlwayo sam:

Imizekeliso 1