1. Kwathi ngomhla wesibhozo, uMoses wabiza uAron noonyana bakhe, namodada amakhulu akwaSirayeli.
2. Wathi kuAron, Zithabathele ithole, inkonyana yenkomo, ibe lidini lesono, nenkunzi yemvu ibe lidini elinyukayo, ezo zinto zigqibelele, uzisondeze phambi koYehova;
3. uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Thabathani inkunzi exhonti yebhokhwe, ibe lidini lesono; nethole nemvana ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, zibe lidini elinyukayo;
4. nenkomo nenkunzi yemvu, zibe ngumbingelelo woxolo wokubingelelwa phambi koYehova; nomnikelo wokudla ogalelwe ioli: ngokuba namhla uYehova uya kubonakala kuni.
5. Bakuthabatha oko uMoses wawisa umthetho ngako, bakuzisa phambi kwentente yokuhlangana; lasondela lonke ibandla, lema phambi koYehova.
6. Wathi uMoses, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo ukuba nilenze: bobonakala ke ubuqaqawuli bukaYehova kuni.