6. UMoses wabasondeza ke ooAron noonyana bakhe, wabahlamba ngamanzi.
7. Wamnxiba ingubo yangaphantsi, wambhinqisa umbhinqo, wamambathisa ngengubo yokwaleka, wamnxiba iefodi, wambhinqisa umbhinqo we-efodi, wayibhinqa ngawo;
8. wamnxiba ubengo; elubengweni wafaka iiUrim neeTumim;*
9. wamfaka unkontsho entloko; elunkontshweni ngaphambili wabeka imbasa yegolide, isithsaba esingcwele, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
10. Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa;
11. wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto.
12. Wagalela inxalenye yeoli yokuthambisa kuAron entloko, wamthambisa ukuba angcwaliswe.