Ilevitikus 8:33-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, imihla esixhenxe, kude kube ngumhla wokuzaliseka kwemihla yokumiselwa kwenu; kuba bonimisela imihla esixhenxe.

34. Njengoko kwenziwe ngako namhla, uYehova uwise umthetho ukuba kwenjiwe njalo ukunicamagushela.

35. Nòhlala emnyango wentente yokuhlangana, imini nobusuku, imihla esixhenxe, nigcine isigxina sikaYehova, ukuze ningafi; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.

36. Benza ooAron noonyana bakhe zonke izinto abewise umthetho ngazo uYehova ngesandla sikaMoses.

Ilevitikus 8