Ilevitikus 8:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa;

11. wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto.

12. Wagalela inxalenye yeoli yokuthambisa kuAron entloko, wamthambisa ukuba angcwaliswe.

13. UMoses wabasondeza oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zangaphantsi, wababhinqisa umbhinqo, wababopha iminqwazi, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

14. Wasondeza inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi entsha yedini lesono.

15. Yaxhelwa ke; walithabatha uMoses igazi, walidyobha wajikelezisa ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakhe, isibingelelo wasihlambulula sona, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo, wasingcwalisa, ukuba asicamagushele.

16. Wawathabatha onke amanqatha asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, waqhumisela ngezo zinto uMoses esibingelelweni.

17. Ke inkunzi entsha yenkomo, nesikhumba sayo, nenyama yayo, nomswane wayo, wayitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

18. Wayisondeza inkunzi yemvu yedini elinyukayo; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi yemvu.

19. Yaxhelwa ke; uMoses walitshiza igazi, wajikelezisa esibingelelweni;

20. inkunzi yemvu wayityatya; waqhumisela uMoses ngentloko, nenyama, nenqatha.

21. Wazihlamba izibilini neentungo ngamanzi, waqhumisela uMoses ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Lidini elinyukayo elo lokuba livumba elithozamisayo; kukudla kwasemlilweni oko kuYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

22. Wayisondeza neyesibini inkunzi yemvu, inkunzi yemvu yokumisela; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi yemvu.

23. Yaxhelwa ke; wacaphula uMoses egazini layo, walidyobha esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.

Ilevitikus 8