1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Thabatha ooAron noonyana bakhe kunye naye, nezambatho ezo, neoli yokuthambisa, nenkunzi entsha yenkomo yedini lesono, neenkunzi zezimvu zibe mbini, nengobozi yezonka ezingenagwele;
3. ulibizele ndawonye lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
4. Wenza uMoses ngoko uYehova wamwisela umthetho ngako; walibizela ndawonye ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
5. Wathi uMoses kwibandla, Yiyo le into awise umthetho ngayo uYehova ukuba yenziwe.
6. UMoses wabasondeza ke ooAron noonyana bakhe, wabahlamba ngamanzi.
7. Wamnxiba ingubo yangaphantsi, wambhinqisa umbhinqo, wamambathisa ngengubo yokwaleka, wamnxiba iefodi, wambhinqisa umbhinqo we-efodi, wayibhinqa ngawo;
8. wamnxiba ubengo; elubengweni wafaka iiUrim neeTumim;*
9. wamfaka unkontsho entloko; elunkontshweni ngaphambili wabeka imbasa yegolide, isithsaba esingcwele, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
10. Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa;