4. nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni;
5. aqhumisele ngezo nto umbingeleli esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni kuYehova, lidini letyala ke elo.
6. Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla; lodliwa endaweni engcwele; liyingcwele kangcwele lona.
7. Njengoko linjalo idini lesono, linjalo idini letyala: mnye umyalelo kuwo omabini; umbingeleli ocamagusha ngalo, loba lelakhe.
8. Umbingeleli osondeza idini elinyukayo lomntu, isikhumba sedini elinyukayo alisondezayo soba sesombingeleli.
9. Nomnikelo wonke wokudla owosiwa ezikweni lezonka, nawo wonke owenzelwa epanini nasembizeni, woba ngowombingeleli owusondezayo.
10. Ke umnikelo wonke wokudla ogalelwe ioli, nowomileyo, woba ngowoonyana bonke baka-Aron, omnye abe njengomnye.
11. Nguwo lo umyalelo wombingelelo woxolo, aya kuwusondeza kuYehova.
12. Ukuba Ășthe wasondeza ngenxa yombulelo, wosondeza phezu kombingelelo wombulelo imiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli, nomgubo ocoliweyo, okroqiweyo, oyimiqhathane egalelwe ioli.