Yonke into eyindoda phakathi koonyana baka-Aron yowudla. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu wasekudleni kwasemlilweni kukaYehova: bonke abasukuba bezichukumisa ezo nto boba ngcwele.