Ilevitikus 4:8-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Amanqatha onke enkunzi entsha yedini lesono maze awasuse kulo: umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini,

9. nezintso zombiní, nenqathalazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni,

10. njengoko asuswayo enkomeni yombingelelo woxolo. Woqhumisela ngawo umbingeleli esibingelelweni sedini elinyukayo.

11. Ke isikhumba senkunzi entsha, nenyama yayo yonke, kunye nentloko yayo, kunye neentungo zayo, nezibilini zayo, nomswane wayo,

12. yonke inkunzi entsha, wóyikhuphela ngaphandle kweminquba, ayise endaweni emhlophe, apho kuphalazwa khona uthuthu, ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo, itshiswe apho kuphalazwa khona uthuthu.

13. Ke ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lalahleka, yafihlakala loo nto emehlweni esikhungu, benza into kumthetho kaYehova nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, bazeka ityala,

14. saza sazíwa isono aboné ngaso: isikhungu sosondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono, balizise phambi kwentente yokuhlangana.

15. Ocinezela amadoda amakhulu ebandla ngezandla zawo phezu kwentloko yenkunzi entsha leyo, phambi koYehova, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova.

16. Umbingeleli othanjisiweyo woyizisa inxalenye yegazi lenkunzi entsha ententeni yokuhlangana;

17. awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane;

18. inxalenye yegazi ayidyobhe ezimpondweni zesibingelelo esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, igazi lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.

19. Wowasusa amanqatha onke kulo, aqhumisele ngawo esibingelelweni.

20. Makenze kule nkunzi intsha njengoko wenza kwinkunzi entsha yedini lesono, enjenjalo nakule, umbingeleli abacamagushele; boxolelwa ke.

21. Woyikhuphela inkunzi entsha ngaphandle kweminquba, ayitshise njengoko wayitshisayo inkunzi entsha yokuqala. Lidini lesono lesikhungu elo.

22. Xa kuthe kona isikhulu, senza into ngokulahlekana nomthetho kaYehova uThixo waso, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, sazeka ityala;

23. ukuba sithe satyhilwa kuso isono saso esoné ngaso: sozisa umsondezo waso, ixhonti lebhokhwe eliliduna eligqibeleleyo.

24. Socinezela ngesandla saso phezu kwentloko yebhokhwe exhonti, siyixhelele apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo phambi koYehova. Lidini lesono ke elo.

25. Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo;

26. aqhumisele ngamanqatha alo onke esibingelelweni, njengamanqatha ombingelelo woxolo, umbingeleli asicamagushele ngesono saso; soxolelwa ke.

Ilevitikus 4