Ilevitikus 4:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. ukuba umbingeleli othanjisiweyo uthe wona, bazeka ityala abantu: wosondeza kuYehova ngenxa yesono sakhe oné ngaso inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, libe lidini lesono.

4. Wóyizisa inkunzi entsha emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yenkunzi entsha, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova.

5. Umbingeleli othanjisiweyo wocaphula egazini lenkunzi entsha, alizise ententeni yokuhlangana;

6. awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe ngenxalenye yelo gazi izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane wengcwele;

7. ayidyobhe umbingeleli inxalenye yegazi ezimpondweni zesibingelelo sesiqhumiso esimnandi esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana; ke lonke igazi lenkunzi entsha aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.

8. Amanqatha onke enkunzi entsha yedini lesono maze awasuse kulo: umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini,

9. nezintso zombiní, nenqathalazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni,

10. njengoko asuswayo enkomeni yombingelelo woxolo. Woqhumisela ngawo umbingeleli esibingelelweni sedini elinyukayo.

11. Ke isikhumba senkunzi entsha, nenyama yayo yonke, kunye nentloko yayo, kunye neentungo zayo, nezibilini zayo, nomswane wayo,

12. yonke inkunzi entsha, wóyikhuphela ngaphandle kweminquba, ayise endaweni emhlophe, apho kuphalazwa khona uthuthu, ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo, itshiswe apho kuphalazwa khona uthuthu.

13. Ke ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lalahleka, yafihlakala loo nto emehlweni esikhungu, benza into kumthetho kaYehova nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, bazeka ityala,

14. saza sazíwa isono aboné ngaso: isikhungu sosondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono, balizise phambi kwentente yokuhlangana.

Ilevitikus 4