18. inxalenye yegazi ayidyobhe ezimpondweni zesibingelelo esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, igazi lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.
19. Wowasusa amanqatha onke kulo, aqhumisele ngawo esibingelelweni.
20. Makenze kule nkunzi intsha njengoko wenza kwinkunzi entsha yedini lesono, enjenjalo nakule, umbingeleli abacamagushele; boxolelwa ke.
21. Woyikhuphela inkunzi entsha ngaphandle kweminquba, ayitshise njengoko wayitshisayo inkunzi entsha yokuqala. Lidini lesono lesikhungu elo.
22. Xa kuthe kona isikhulu, senza into ngokulahlekana nomthetho kaYehova uThixo waso, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, sazeka ityala;
23. ukuba sithe satyhilwa kuso isono saso esoné ngaso: sozisa umsondezo waso, ixhonti lebhokhwe eliliduna eligqibeleleyo.
24. Socinezela ngesandla saso phezu kwentloko yebhokhwe exhonti, siyixhelele apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo phambi koYehova. Lidini lesono ke elo.
25. Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo;
26. aqhumisele ngamanqatha alo onke esibingelelweni, njengamanqatha ombingelelo woxolo, umbingeleli asicamagushele ngesono saso; soxolelwa ke.
27. Ukuba ubani othile wasebantwini balo ilizwe uthe wona ngokulahleka, ngokwenza into kumthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, wazeka ityala;
28. ukuba sithe satyhilwa kuye isono sakhe oné ngaso: wózisa umsondezo wakhe, ixhonti elilithokazi lebhokhwe, eligqibeleleyo, ngenxa yesono sakhe oné ngaso.
29. Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono endaweni yedini elinyukayo.
30. Umbingeleli wocaphula egazini lalo ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.
31. Wowasusa onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova; umbingeleli amcamagushele; woxolelwa ke.
32. Ukuba ke umsondezo wakhe wedini lesono uyimvana, wózisa ithokazi eligqibeleleyo;
33. acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo.