Ilevitikus 27:27-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ukuba ngawezinto ezizitho ziné eziziinqambi, makamiselwe ngokulinganisela kwakho, kongezwe isahlulo sesihlanu sayo kuko oko; ke ukuba athe akakhululwa ngentlawulelo, makuthengiswe ngawo ngokulinganisela kwakho.

28. Kodwa yonke into esingelwe phantsi, asukuba umntu eyisingela kuYehova entweni yonke anayo, nokuba ngumntu, nokuba yinto ezizitho ziné, nokuba yintsimi yelifa lakhe, makungathengiswa ngayo, mayingakhululwa nangentlawulelo. Yonke into esingelwe phantsi yingcwele kangcwele kuYehova.

29. Yonke into esingelwe phantsi ethe yasingelwa phantsi íngumntu, mayingakhululwa nangokumiselwa; mayibulawe ife.

30. Sonke isishumi somhlaba, sembewu yomhlaba, seziqhamo zomthi, sesikaYehova; singcwele kuYehova.

Ilevitikus 27