17. Ukuba úthe wayingcwalisa intsimi yakhe, ethabathe emnyakeni wentlokoma,* mayiqiniseke ngokulinganisela kwakho.
18. Ukuba úthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.
19. Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo intsimi, makongeze isahlulo sesihlanu semali yokulinganisela kwakho kuko oko, iqiniseke kuye.
20. Ukuba úthe akayikhulula ngentlawulelo intsimi, nokuba uthe wathengisa ngentsimi leyo komnye umntu, mayingabi sakhululwa ngentlawulelo.