6. Ndoninika uxolo ezweni elo, nilale; kungabikho bani unigubhisayo, ndilisuse irhamncwa ezweni elo, ikrele lingahambi ezweni lenu;
7. nizisukele iintshaba zenu, zeyele ekreleni phambi kwenu.
8. Níbahlanu, nosukela ikhulu; nílikhulu, nosukela amawaka alishumi, zeyele ekreleni iintshaba zenu phambi kwenu.
9. Ndonibeka, ndiniqhamise, ndinandise, ndiwumise umnqophiso wam nani, nídle amahasa,
10. nikhuphe amahasa endawni yokudla okutsha;
11. ndiwumise umnquba wam phakathi kwenu, ningadimalelwa ngumphefumlo wam.
12. Ndohamba phakathi kwenu, ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam.
13. NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ningabi ngamakhoboka awo; ndazaphula iidyokhwe zenu, ndanihambisa nathi nkqo.
14. Ukuba nithe anandiphulaphula, anayenza le mithetho yonke;