Ilevitikus 26:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndoninika uxolo ezweni elo, nilale; kungabikho bani unigubhisayo, ndilisuse irhamncwa ezweni elo, ikrele lingahambi ezweni lenu;

7. nizisukele iintshaba zenu, zeyele ekreleni phambi kwenu.

8. Níbahlanu, nosukela ikhulu; nílikhulu, nosukela amawaka alishumi, zeyele ekreleni iintshaba zenu phambi kwenu.

9. Ndonibeka, ndiniqhamise, ndinandise, ndiwumise umnqophiso wam nani, nídle amahasa,

10. nikhuphe amahasa endawni yokudla okutsha;

11. ndiwumise umnquba wam phakathi kwenu, ningadimalelwa ngumphefumlo wam.

12. Ndohamba phakathi kwenu, ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam.

13. NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ningabi ngamakhoboka awo; ndazaphula iidyokhwe zenu, ndanihambisa nathi nkqo.

14. Ukuba nithe anandiphulaphula, anayenza le mithetho yonke;

Ilevitikus 26