Ilevitikus 26:40-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise — ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa,

41. endathi nam ndahamba ngokubachasa, ndabása ezweni leentshaba zabo — kanye ukuba zithe zathobeka iintliziyo zabo ezingalukanga; ukuba bathe bandula ukwaneliswa bubugwenxa babo:

42. ndowukhumbula umnqophiso wam noYakobi, kwanomnqophiso wam noIsake, kwanomnqophiso wam noAbraham; nelizwe ndilikhumbule.

43. Nelizwe liya kushiywa ngabo laneliswe ziisabatha zalo, xa kuthe kwasenkangala, ababakho kulo; baneliswe bona bubugwenxa babo ngenxa enokuba bawacekisayo amasiko am, nomphefumlo wabo wadimala yimimiselo yam.

44. Kanti ke noko kude kwanjalo, baba sezweni leentshaba zabo, àndibacekisele; àndidimele ngabo ukuba ndibagqibe, ndaphule umnqophiso wam nabo; kuba ndinguYehova, uThixo wabo.

45. Ndonikhumbulela umnqophiso wam namanyange endiwakhuphe ezweni laseYiputa phambi kweentlanga, ukuba ndibe nguThixo kubo; ndinguYehova.

46. Yiyo leyo imimiselo, namasiko, nemiyalelo, awayenzayo uYehova phakathi kwakhe noonyana bakaSirayeli, entabeni yaseSinayi, ngesandla sikaMoses.

Ilevitikus 26