39. Abaseleyo kuni bongcungcutheka ebugwenxeni babo emazweni eentshaba zenu, nasebugwenxeni booyise, bangcungcutheke benabo.
40. Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise — ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa,
41. endathi nam ndahamba ngokubachasa, ndabása ezweni leentshaba zabo — kanye ukuba zithe zathobeka iintliziyo zabo ezingalukanga; ukuba bathe bandula ukwaneliswa bubugwenxa babo:
42. ndowukhumbula umnqophiso wam noYakobi, kwanomnqophiso wam noIsake, kwanomnqophiso wam noAbraham; nelizwe ndilikhumbule.