Ilevitikus 26:32-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. ilizwe ndilènze mna kube senkangala, iintshaba zenu ezimiyo kulo zimangaliswe lilo.

33. Ndonichithachitha phakathi kweentlanga, ndirhole ikrele lam emva kwenu, ilizwe lenu kube senkangala, imizi yenu ibe ngamanxuwa.

34. Liya kwandula ukwaneliswa ziisabatha zalo ilizwe, yonke imihla ekusenkangala ngayo, nina ke nísezweni leentshaba zenu. Liya kwandula ukuphumla ilizwe, laneliswe ziisabatha zalo.

Ilevitikus 26