Ilevitikus 26:28-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. nahamba ngokundichasa, ndohamba ngokunichasa ngokushushu, ndinithethise nam kasixhenxe ngenxa yezono zenu;

29. nidle inyama yoonyana benu, nidle nenyama yeentombi zenu.

30. Ndozitshabalalisa izigánga zenu, ndizigawule iintsika zenu zelanga, ndiziphose izidumbu zenu phezu kwezidumbu zezigodo ezizizithixo zenu; umphefumlo wam udimale níni.

31. Imizi yenu ndoyenza amanxuwa, ndizenze kube senkangala iingcwele zenu, ndingalivi ivumba lenu lokuthozamisa;

32. ilizwe ndilènze mna kube senkangala, iintshaba zenu ezimiyo kulo zimangaliswe lilo.

33. Ndonichithachitha phakathi kweentlanga, ndirhole ikrele lam emva kwenu, ilizwe lenu kube senkangala, imizi yenu ibe ngamanxuwa.

34. Liya kwandula ukwaneliswa ziisabatha zalo ilizwe, yonke imihla ekusenkangala ngayo, nina ke nísezweni leentshaba zenu. Liya kwandula ukuphumla ilizwe, laneliswe ziisabatha zalo.

35. Yonke imihla ekusenkangala ngayo lophumla; oko lingakuphumlanga ngeesabatha zenu ekulihlaleni kwenu.

36. Abaseleyo kuni, ndongenisa inyungu ezintliziyweni zabo emazweni eentshaba zabo; bagxothwe kukurhashaza kwegqabi eliphetshethwayo, basabe ngathi basaba ikrele, bawe kungekho ubasukelayo;

37. bakhubeke omnye komnye njengaphambi kwekrele, kungekho ubasukelayo. Anisayi kuba nakumisa phambi kweentshaba zenu.

38. Nobhubha phakathi kweentlanga, ilizwe leentshaba zenu linidle.

39. Abaseleyo kuni bongcungcutheka ebugwenxeni babo emazweni eentshaba zenu, nasebugwenxeni booyise, bangcungcutheke benabo.

40. Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise — ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa,

41. endathi nam ndahamba ngokubachasa, ndabása ezweni leentshaba zabo — kanye ukuba zithe zathobeka iintliziyo zabo ezingalukanga; ukuba bathe bandula ukwaneliswa bubugwenxa babo:

Ilevitikus 26