Ilevitikus 25:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. ungawuvuni ummilela wokuvuna kwakho, neediliya zesidiliya sakho esingathenwanga uze ungazisiki. Woba ngumnyaka wesabatha kulo ilizwe.

6. Isabatha yalo ilizwe yoba kukudla kuni, kuwe nakwisicaka sakho, nakwisicakakazi sakho, nakumqeshwa wakho, nakolundwendwe kuwe,

7. nakophambukele kuwe, nakwiinkomo zakho, nakwiinyamakazi ezisezweni lakho; lonke ungeniselo lwalo loba kukudla.

8. Uze uzibalele iisabatha ezisixhenxe zeminyaka, iminyaka esixhenxe ibe zizihlandlo ezisixhenxe, ize imihla yeesabatha ezisixhenxe zeminyaka ibe yiminyaka emashumi mané aneminyaka esithoba kuwe;

9. usihambise isigodlo sokumema ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo; ngomhla wokucamagusha nosihambisa isigodlo ezweni lenu lonke;

10. umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Wóba ngowentlokoma* kuni, ukuba nibuyele elowo elifeni lakhe, nibuyele elowo emizalwaneni yakhe.

11. Umnyaka woba ngowentlokoma kuni, umnyaka wamashumi omahlanu, ukuba ningahlwayeli, ningawuvuni ummilela, ningasisiki isidiliya esingathenwanga.

12. Ngokuba le ntlokoma yoba ngcwele kuni; nolúdla luvela entsimini ungeniselo lwayo.

13. Ngalo mnyaka wentlokoma nobuyela elowo elifeni lakhe.

14. Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana.

15. Wòthenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wóthengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo.

16. Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo.

17. Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

Ilevitikus 25