20. Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu:
21. ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu.
22. Nòhlwayela ngomnyaka wesibhozo, nidle amahasa kude kube ngumnyaka wesithoba; nodla amahasa lude lufike ungeniselo lwawo.
23. Ilizwe ze kungĂ thengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum;
24. ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo.
25. Xa athe umzalwana wakho wanzonza, wathengisa ngento yelifa lakhe, makeze owalamana naye ofanele ukumkhulula, ayikhulule ngokuyihlawulela loo nto wathengisa ngayo umzalwana wakhe.
26. Umntu xa angenabani wokumkhulula, sibe sinokufikelela isandla sakhe sifumane okulingene ukuzikhululela ngentlawulelo: