Ilevitikus 25:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wòthenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wóthengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo.

16. Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo.

17. Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

18. Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile;

19. ilizwe livelise iziqhamo zalo, nidle nihluthe, nihlale nikholosile kulo.

20. Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu:

21. ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu.

22. Nòhlwayela ngomnyaka wesibhozo, nidle amahasa kude kube ngumnyaka wesithoba; nodla amahasa lude lufike ungeniselo lwawo.

23. Ilizwe ze kungàthengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum;

24. ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo.

Ilevitikus 25