10. umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Wóba ngowentlokoma* kuni, ukuba nibuyele elowo elifeni lakhe, nibuyele elowo emizalwaneni yakhe.
11. Umnyaka woba ngowentlokoma kuni, umnyaka wamashumi omahlanu, ukuba ningahlwayeli, ningawuvuni ummilela, ningasisiki isidiliya esingathenwanga.
12. Ngokuba le ntlokoma yoba ngcwele kuni; nolúdla luvela entsimini ungeniselo lwayo.
13. Ngalo mnyaka wentlokoma nobuyela elowo elifeni lakhe.
14. Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana.
15. Wòthenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wóthengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo.
16. Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo.
17. Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
18. Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile;
19. ilizwe livelise iziqhamo zalo, nidle nihluthe, nihlale nikholosile kulo.
20. Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu:
21. ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu.