Ilevitikus 24:21-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Obethe inkomo yafa, woyimisela; ke obethe umntu wafa makabulawe.

22. Masibe sinye isigwebo senu kumphambukeli nakozalelwe ekhaya; ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.

23. Wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli; bamkhuphela phandle kweminquba lowo utshabhisileyo, bamxuluba ngamatye. Benza oonyana bakaSirayeli njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

Ilevitikus 24