Ilevitikus 24:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Umntu othe wabetha umntu wafa, nokuba nguwuphi, makabulawe afe.

18. Obethe inkomo yafa, woyimisela; umphefumlo ngomphefumlo.

19. Umntu xa athe wamlimaza ummelwane wakhe, njengoko enze ngako, makwenziwe ngako kuye:

20. ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo. Njengoko amlimazileyo umntu, makwenziwe ngoko kuye.

21. Obethe inkomo yafa, woyimisela; ke obethe umntu wafa makabulawe.

22. Masibe sinye isigwebo senu kumphambukeli nakozalelwe ekhaya; ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.

23. Wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli; bamkhuphela phandle kweminquba lowo utshabhisileyo, bamxuluba ngamatye. Benza oonyana bakaSirayeli njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

Ilevitikus 24