Ilevitikus 24:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke kaloku kwaphuma unyana womSirayelikazi phakathi koonyana bakaSirayeli; waye engunyana womYiputa. Lo nyana womSirayelikazi nomfo wakwaSirayeli bantlalana eminqubeni,

11. unyana womSirayelikazi lowo walithuka iGama, watshabhisa. Bamzisa kuMoses (igama lonina lalinguShelomiti, intombi kaDibri, wesizwe sakwaDan).

12. Bamfaka elugcinweni, bade babahlulele loo nto ngokomlomo kaYehova.

13. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

14. Mkhupheni lowo utshabhisileyo, abe ngaphandle kweminquba; bonke abo bamvileyo bacinezele ngezandla zabo entlokweni yakhe, limxulube ngamatye lonke ibandla.

15. Uze uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wamtshabhisa uThixo wakhe, wosithwala isono sakhe.

16. Olithukayo igama likaYehova makabulawe afe. Lonke ibandla lomxuluba okunene ngamatye, kwanomphambukeli, kwanozalelwe ekhaya; ekulithukeni kwakhe iGama makabulawe.

17. Umntu othe wabetha umntu wafa, nokuba nguwuphi, makabulawe afe.

18. Obethe inkomo yafa, woyimisela; umphefumlo ngomphefumlo.

19. Umntu xa athe wamlimaza ummelwane wakhe, njengoko enze ngako, makwenziwe ngako kuye:

20. ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo. Njengoko amlimazileyo umntu, makwenziwe ngoko kuye.

Ilevitikus 24