1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Amaxesha amisiweyo kaYehova, eniya kuwavakalisa ukuba abe ziintlanganiso ezingcwele, ngawo la amaxesha am amisiweyo.
3. Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe uyisabatha kasabatha, yintlanganiso engcwele. Ze ningenzi namnye umsebenzi ngawo: yisabatha kaYehova emakhayeni enu onke.
4. Ngawo la amaxesha amisiweyo kaYehova, iintlanganiso ezingcwele, eniya kuzivakalisa ngamaxesha azo amisiweyo ngenyanga yokuqala,
5. ngolweshumi elinesiné enyangeni leyo, lakutshona ilanga, yipasika* kaYehova.