Ilevitikus 22:19-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. wóthi, ukuze unikholekise, ube liduna eligqibeleleyo lasezinkomeni, nokuba lelasezigusheni, nelasezibhokhweni.

20. Izinto zonke ezinesiphako ize ningazisondezi, ngokuba azisayi kunikholekisa.

21. Umntu, xa athe wasondeza umbingelelo woxolo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane: uze ube ngogqibeleleyo ukuze ukholeke, uze ungabi nasiphako nasiphi.

22. Eziziimfama, ezaphukileyo, ezilinyaziweyo, ezinokhwekhwe, ezinesitshanguba, ize ningazisondezi ezo kuYehova, ninganikeli ngazo ukudla kwasemlilweni esibingelelweni kuYehova.

23. Inkomo negusha enendawo eyolukileyo, neshwabeneyo, ungáyenza umbingelelo wokuqhutywa yintliziyo; ke ayiyi kukholekisa ukuba ingowesibhambathiso.

24. Into emasende atyunyuziweyo, nakhandiweyo, naqhiwulweyo, nanqunyulweyo, ize ningayisondezi kuYehova. Ezweni lenu ze ningènjenjalo.

25. Nasesandleni sowolunye uhlanga ize ningamkeli nisondeze ukudla koThixo wenu kwezo nto, nakuziphi; ngokuba ukonakala kwazo kukuzo, isiphako sikuzo; aziyi kunikholekisa.

26. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

27. Inkomo, negusha, nebhokhwe, xa izalwayo, yoba mihla isixhenxe phantsi konina. Kuthabathela kusuku lwesibhozo nangasemva kwalo, iya kukholekisa, ibe ngumsondezo wasemlilweni kuYehova.

28. Inkomo, nokuba yigusha, ize ningayixheli ngamini-nye netakane layo.

29. Xa nithe nawubingelela umbingelelo wombulelo kuYehova, nòwubingelela ukuba unikholekise.

30. Wodliwa kwangaloo mhla, ningashiyi nto kuwo kude kuse: ndinguYehova.

31. Ize niyigcine imithetho yam, niyenze: ndinguYehova.

32. Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli:

33. ndinguYehova oningcwalisayo, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu: ndinguYehova.

Ilevitikus 22