9. Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.
10. Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambathe izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli iingubo zakhe;
11. angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.
12. Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.
13. Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.
14. Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;