20. nenofundo, nengcungcuthekileyo, nenomlanga, nenokhwekhwe, nenesitshanguba, netyumke isende.
21. Ze kungasondeli nanye indoda enesiphako, yembewu ka-Aron umbingeleli, isondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova; inesiphako; mayingasondeli, isondeze ukudla koThixo wayo.
22. Ingákudla ukudla koThixo wayo kwezinto eziziingcwele kangcwele, kwanezingcwele.
23. Kodwa mayingezi emkhusaneni, ingasondeli nasesibingelelweni, ngokuba inesiphako; ukuze ingayihlambeli ingcwele yam; ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.
24. Wakuthetha ke oko uMoses kuAron noonyana bakhe, noonyana bonke bakaSirayeli.