Ilevitikus 21:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

17. Thetha kuAron, uthi, Indoda phakathi kwembewu yakho ezizukulwaneni zabo, esukuba inesiphako, mayingasondeli isondeze ukudla koThixo wayo.

18. Ze kungasondeli nanye indoda, xa sukuba inesiphako: indoda eyimfama, nesiqhwala, nelinyaziweyo ebusweni, nesilima, nendoda eyaphuke unyawo,

19. neyaphuke isandla;

20. nenofundo, nengcungcuthekileyo, nenomlanga, nenokhwekhwe, nenesitshanguba, netyumke isende.

21. Ze kungasondeli nanye indoda enesiphako, yembewu ka-Aron umbingeleli, isondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova; inesiphako; mayingasondeli, isondeze ukudla koThixo wayo.

22. Ingákudla ukudla koThixo wayo kwezinto eziziingcwele kangcwele, kwanezingcwele.

23. Kodwa mayingezi emkhusaneni, ingasondeli nasesibingelelweni, ngokuba inesiphako; ukuze ingayihlambeli ingcwele yam; ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.

24. Wakuthetha ke oko uMoses kuAron noonyana bakhe, noonyana bonke bakaSirayeli.

Ilevitikus 21