10. Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambathe izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli iingubo zakhe;
11. angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.
12. Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.
13. Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.
14. Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;
15. angayihlambeli imbewu yakhe phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ndinguYehova omngcwalisayo.
16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
17. Thetha kuAron, uthi, Indoda phakathi kwembewu yakho ezizukulwaneni zabo, esukuba inesiphako, mayingasondeli isondeze ukudla koThixo wayo.
18. Ze kungasondeli nanye indoda, xa sukuba inesiphako: indoda eyimfama, nesiqhwala, nelinyaziweyo ebusweni, nesilima, nendoda eyaphuke unyawo,
19. neyaphuke isandla;
20. nenofundo, nengcungcuthekileyo, nenomlanga, nenokhwekhwe, nenesitshanguba, netyumke isende.
21. Ze kungasondeli nanye indoda enesiphako, yembewu ka-Aron umbingeleli, isondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova; inesiphako; mayingasondeli, isondeze ukudla koThixo wayo.