4. Ukuba abantu belizwe elo bathe bawafihla ukuwafihla oku amehlo abo kuloo mntu, ekuyinikeni kwakhe uMoleki imbewu yakhe, àbambulala:
5. mna ndomchasa loo mntu nemizalwane yakhe, ndimnqamle, nabo bonke abahenyuza ngokumlandela, behenyuzela ukumlandela uMoleki, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.
6. Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
7. Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
8. Ize niyigcine imimiselo yam niyenze: ndinguYehova oningcwalisayo.
9. Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.
10. Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexèze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.
11. Indoda esukuba imlala umkayise, ityhilé ubuzé bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.
12. Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.
13. Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benzé amasikizi: mababulawe bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.
14. Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.
15. Indoda esukuba ilala into ezitho ziné, mayibulawe ife; naloo nto izitho ziné niyibulale.
16. Inkazana esukuba isondela entweni ezitho ziné, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho ziné mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.
17. Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuzé bakhe, wabubona yena ubuzé bayo, benzé ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhilé ubuzé bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.