Ilevitikus 19:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa.

8. Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.

9. Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho.

10. Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.

11. Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani.

12. Ize ningalifungi igama lam nixoka; ungalihlambeli igama loThixo wakho: ndinguYehova.

13. Ùze ungamcudisi ummelwane wakho, uze ungaxhakamfuli; umvuzo womqeshwa úze ungalali kuwe kude kuse.

14. Uze ungasitshabhisi isithulu; uze ungabeki sikhubekiso phambi kwemfama; uze umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.

15. Ze ningenzi bugqwetha ekugwebeni; unganoneleli nomntu osweleyo, ungabeki buso basikhulu; womgweba ngobulungisa ummelwane wakho.

16. Uze ungahambi uyintlebi phakathi kwabantu bakowenu; uze ungalizondi igazi lommelwane wakho: ndinguYehova.

Ilevitikus 19