30. Gcinani iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova.
31. Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.
32. Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.
33. Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli.
34. Kuni wóba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
35. Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento.
36. Nòba nezikali* zobulungisa, namatye* obulungisa, ne-efa* yobulungisa, nehin* yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa.
37. Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze: ndinguYehova.